Hymn 347

Owaqal' Esemncinane

Verse 1
Owaqal' Esemncinane ukumkhonz' u-Thixo wakhe,
Uyavuya yena: Usindile, enzenjalo,
Kwinkathazo ezininzi, Emhlabeni apha.
Verse 2
Icham lakhe lelikhulu, Linoyolo, linamandla,
Ngamaxesha onke; Xa u-Yesu amlandela,
Ngokuthanda, nangokwenza Konke okungcwele.
Verse 3
Lento iyinene kanye; Bonke abakhonz' u-Thixo,
Banenyhweba bona: NguYe lowo ongu-Mncedi,
Wokunceda ngento zonke Zomabin' amazwe.
Verse 4
Mandithembe Yena ngoko, Ndikhangele Kuye yedwa
Ukonwaba oku kwam: Ndiyilahl' inkonzo yimbi,
Mandiyenze intwenkulu Yonk' inkonzo Yakhe.

Text from U-Krestu Engomeni · © respective copyright holders · shared for worship use

Link copied to clipboard successfully!