Hymn 346
Namhla Nje Ndivuyile Mna
Verse 1
Namhlanje ndivuyile mna Ngalo ithamsanqa lam;
Balingane, nithini na? Manise nivuya nam.
Nkosi, ndiya kudumisa, Ngokuba undifundisa;
Ndaye ndiya kuzoyisa Zonke ezincwadi zam.

Verse 2
Xa ndihleli eskuleni, Kuba mnandi futhi kum;
Xa ndingen' etyalikeni, Ovuyayo oko ndim.
Nkosi, ndiya kudumisa, Ngokuba undifundisa;
Ndaye ndiya kuzoyisa Zonke ezincwadi zam.
Xa ndingen' etyalikeni, Ovuyayo oko ndim.
Nkosi, ndiya kudumisa, Ngokuba undifundisa;
Ndaye ndiya kuzoyisa Zonke ezincwadi zam.
Verse 3
Kwelalizwe lakowethu Ezincwadi asazaz';
Babehlel' obawo bethu; Oluvuyo bengalalwaz'.
Nkosi, ndiya kudumisa, Ngokuba undifundisa;
Ndaye ndiya kuzoyisa Zonke ezincwadi zam.
Babehlel' obawo bethu; Oluvuyo bengalalwaz'.
Nkosi, ndiya kudumisa, Ngokuba undifundisa;
Ndaye ndiya kuzoyisa Zonke ezincwadi zam.
Verse 4
Mandihlale ndimbulela Ngalo ithamsanqa lam,
Kude kube kukuphela Kokuhlala apha kwam.
Nkosi, ndiya kudumisa, Ngokuba undifundisa;
Ndaye ndiya kuzoyisa Zonke ezincwadi zam.
Kude kube kukuphela Kokuhlala apha kwam.
Nkosi, ndiya kudumisa, Ngokuba undifundisa;
Ndaye ndiya kuzoyisa Zonke ezincwadi zam.
Text from U-Krestu Engomeni · © respective copyright holders · shared for worship use
Swipe left or right for the next or previous hymn