Hymn 327
Ndi' Ndakuleshesa
Verse 1
Ndi' ndakuleshesa lombali endala Ka-Yesu esesebantwini,
Ebiz'abantwana njengathi zimvana, Akwaba ndandikho lomini.
Akwaba ndaziva izandla entloko, Kwa nokusingathwa ngengalo,
Nobuso buncuma, esithi ngofefe, Makuze usapho kwa ngalo.

Verse 2
Kusemthandazweni endingasondela, Ndicele ukwabelwa kwa nam;
Naxa ndimfunile ngenene ngaphantsi, Ndombona ephezulu ngokwam.
Kulapho alungiselel' abangcwele,Ndawo yobuhl'obukhulu;
Zininzi intsaph'ezibuthene khona, Zezobukhumkani bezulu.

Verse 3
Kuloku intsapho zininzi kakhulu Ezingazivang' ezindaba;
Zidungudeliswa, zisebumfameni, Nasebumnyameni bomhlaba.
Akwaba zabaz' ububanzi bekhaya, Nelizw' elivel' e-Nkosini,
Ukuze zivele kumazwe ngamazwe, Zingen' enyhweben' ezulwini.

Text from U-Krestu Engomeni · © respective copyright holders · shared for worship use
Swipe left or right for the next or previous hymn