Hymn 326
Uyeza Ephahlwe Yimikhosi
Verse 1
Uyeza! Uyeza! ephahlwe yimikhosi,
Kwa lowo ubefela aboni emhlabeni,
Uyeza! Uyeza! ephahlwa zingelosi,
Zimphahla ngamawaka esebungcwaliseni.
Kwa lowo ubefela aboni emhlabeni,
Uyeza! Uyeza! ephahlwa zingelosi,
Zimphahla ngamawaka esebungcwaliseni.
Verse 2
Uyeza! Uyeza! usiza emgwebeni,
Yivani ixilongo livus' abantu bonke,
Bovuka ngokwalama bavuke ekufeni
Bamiswe phambi kwakhe owazi into zonke.
Yivani ixilongo livus' abantu bonke,
Bovuka ngokwalama bavuke ekufeni
Bamiswe phambi kwakhe owazi into zonke.
Verse 3
Uyeza! Uyeza! intshaba ziye phina,
Ezazimbandezela ephantsi emhlabeni?
Engu-Kumkani ngoku, seziya kuthinina?
Zokhal'ezintabeni, "zintaba siweleni."
Ezazimbandezela ephantsi emhlabeni?
Engu-Kumkani ngoku, seziya kuthinina?
Zokhal'ezintabeni, "zintaba siweleni."
Verse 4
Uyeza! Uyeza! incwadi zivuliwe,
Izizwe zonke zimiukuv' ilizwi laKhe;
Lilizwi lomgqibelo, kobonwa xa liviwe,
Akukho ukusinda ekugwebeni kwakhe.
Izizwe zonke zimiukuv' ilizwi laKhe;
Lilizwi lomgqibelo, kobonwa xa liviwe,
Akukho ukusinda ekugwebeni kwakhe.
Verse 5
Uyeza! Uyeza!ebukwa ngabangcwele,
Engu-Mkhululi wabo Owehla emafini;
Bonuka kunye naYe ndawonye nezihlwele,
Emveni kokugweba, ukuya ezulwini.
Engu-Mkhululi wabo Owehla emafini;
Bonuka kunye naYe ndawonye nezihlwele,
Emveni kokugweba, ukuya ezulwini.
Text from U-Krestu Engomeni · © respective copyright holders · shared for worship use
Swipe left or right for the next or previous hymn