Hymn 275
Iphakade Phi?
Verse 1
Iphakade -Phi? Lijing’ emoyeni, Phakathi kwengxolo okanye uxolo?
Ngumbuzo omkhulu; Iphakade - phi?
Ngumbuzo omkhulu; Iphakade - phi?
Verse 2
Iphakade -Phi? O Iphakade - phi? Kukho amalungisa Okany’aboni? Khawuxele ngalo: Iphakade - Phi?
Verse 3
Iphakade -Phi? Uphila njanina? Uhleli kanjani, Ungekaphenduli
Umbuzo omkhulu: Iphakade - Phi?
Umbuzo omkhulu: Iphakade - Phi?
Verse 4
Iphakade -Phi? Qaphela sihlobo, I-Nkosi kwakamsinya iyakufika.
Khetha kwanamhlanje: Iphakade - Phi?
Khetha kwanamhlanje: Iphakade - Phi?
Verse 5
Iphakade -Phi? O Iphakade - Phi? Mus’ukulala sihlobo Shiy’ilizwe
Uphendul’ umbuso: Iphakade - Phi?
Uphendul’ umbuso: Iphakade - Phi?
Text from U-Krestu Engomeni · © respective copyright holders · shared for worship use
Swipe left or right for the next or previous hymn