Hymn 267
Masihlwayele Imbewu
Verse 1
Masikhe iintyatyambo ezintle ngasendleleni; Masibuthe ingqolowa siwulahle umdiza Masizonwabise ngentsikelelo
zale mini; Ngesandla esicengayo masisuse ameva.
zale mini; Ngesandla esicengayo masisuse ameva.
Chorus
Sifaka imbew’ entle, Imbewu yokulunga Phambili sakuvuna Isiqhamo esihle.
Verse 2
Xa sisiv’ ingom’ emnandi, Siqonda yakuphela; Asinalwazi ngobuhle Bude budlule bonke Liyadlula ihlobo Singabuboni ubuhle Sekungathi bubusika
Xa kusiwa ikhephu.
Xa kusiwa ikhephu.
Chorus
Sifaka imbew’ entle, Imbewu yokulunga Phambili sakuvuna Isiqhamo esihle.
Verse 3
Ukuthamba kwabancinci Nako kunesiphelo; Izandla ezincinci Zoyek’ ukukhathaza Sibonakala sinjani Kumehle ezihlobo? Silindelwe kokubi na Endaweni yokuhle?
Chorus
Sifaka imbew’ entle, Imbewu yokulunga Phambili sakuvuna Isiqhamo esihle.
Verse 4
Ezo zandla zincinci Zisikhumbuza emva, Kuzo izenzo namazwi
Esazenza kudala. Ngoku sesikhumbula, Xa sisenza umsebenzi,
Masihlwayele okuhle Ukuze sikuvune.
Esazenza kudala. Ngoku sesikhumbula, Xa sisenza umsebenzi,
Masihlwayele okuhle Ukuze sikuvune.
Chorus
Sifaka imbew’ entle, Imbewu yokulunga Phambili sakuvuna Isiqhamo esihle.
Text from U-Krestu Engomeni · © respective copyright holders · shared for worship use
Swipe left or right for the next or previous hymn