Hymn 266 Yesu Ndokulandela

[V1]
Yesu ndokulandela, Ndikuva undibiza.
Ngothando nokuthemba, Ndoz’undis’ekhaya

[C]
Ndokulandela, Ndokulandela, Ndokulandela apho uyakhona

[V2]
‘Mehlo akangeboni, Iinyawo zilahleke;
Ndingatyhafa ndidinwe, Wen’ ungamandla am.

[C]
Ndokulandela, Ndokulandela, Ndokulandela apho uyakhona

[V3]
Nokuba ndinosizi, Ndichaswe nasisono,
Ngesibindi ndokulwa, Xa ndikulandela.

[C]
Ndokulandela, Ndokulandela, Ndokulandela apho uyakhona

266. Yesu Ndokulandela

Link copied to clipboard successfully!