Hymn 161
Mna ne-Nkosi Yam
Verse 1
Ndino-Mhlobo wodidi, Ndimthanda kakhulu, Undithantasa ngothando, Uthembekile kum;‘Ndinge hlali kude naYe, Ndingaba kufuphi, Ngoko sihlala kunye ne-Nkosi yam.
Verse 2
Ndiyatyhafa, ndidinwe, Undazi ndingento Az’ andayamise kuye, ena luncedo lwam; Nguy’ ondikhokel’ endlelen’, Kukhanye kamnandi; Ngoko sihamba kunye ne-Nkosi yam.
Verse 3
Ndimxela zonk’ intsizi, Kwa nokuvuya kwam, Nako ukukholiswa kwam, Nokukhathazayo; Yena uthi mandenze nje, Nohlobo lokwenza, Ngoko sithetha kunye ne-Nkosi yam.
Verse 4
Uyalaz’ unxano lwam, Lokuzuza umntu Uthi ngoko andithume, Ngelizwi lothando Ndazise ngothando lwakhe, Nangokufa kwaKhe Sisebenza kunye-ke ne-Nkosi yam.
Text from U-Krestu Engomeni · © respective copyright holders · shared for worship use
Swipe left or right for the next or previous hymn