Hymn 159
Ndifuna Kakhulu
Verse 1
Kukhulu ngenene Nkosi, Endikuswele ngako!
Ndiyimfama, ndikhokele, Ndibe nokomelela.

Chorus
Nkosi yam, Nkosi yam, Ndikufuna ngokukhulu!
Nkosi yam, Nkosi yam, Ndigcine, Msindisi wam.

Verse 2
Ndibabale ngobulali, Ingubo zam zimdaka;
Ndazis’ ubuthathaka bam, Ndicel’ amandla kuWe.
Ndazis’ ubuthathaka bam, Ndicel’ amandla kuWe.
Chorus
Nkosi yam, Nkosi yam, Ndikufuna ngokukhulu!
Nkosi yam, Nkosi yam, Ndigcine, Msindisi wam.
Nkosi yam, Nkosi yam, Ndigcine, Msindisi wam.
Verse 3
Ndikhokele ‘ze ndinqabe: Ndokwam andingenzi nto!
Hamba nam kulamaxawuka, Nguwe ukukhanya kwam.
Hamba nam kulamaxawuka, Nguwe ukukhanya kwam.
Chorus
Nkosi yam, Nkosi yam, Ndikufuna ngokukhulu!
Nkosi yam, Nkosi yam, Ndigcine, Msindisi wam.
Nkosi yam, Nkosi yam, Ndigcine, Msindisi wam.
Verse 4
Kungade kufike ntoni, Uvuyo kwa nosizi
Noko mna ndothi-nca kuwe, Nguwe um-Khululi wam.
Noko mna ndothi-nca kuwe, Nguwe um-Khululi wam.
Chorus
Nkosi yam, Nkosi yam, Ndikufuna ngokukhulu!
Nkosi yam, Nkosi yam, Ndigcine, Msindisi wam.
Nkosi yam, Nkosi yam, Ndigcine, Msindisi wam.
Text from U-Krestu Engomeni · © respective copyright holders · shared for worship use
Swipe left or right for the next or previous hymn