Hymn 53 Moya Oyingcwele, Mkhokeli

[V1]
O, Moya Oyingcwele, Seku kad’ ulindile
Ngesandla sirholele, Thina bahambi apha,
Odiniweyo, bonga Ngelizwi elilodwa
Elithi, “Mhambi yiza, Ndakukusa ekhaya.”

[V2]
Wena Mhlobo wenene Ukufuph’ ukunceda,
Ungasishiyi apha, Siyoyika kakhulu;
Xa izulu ligquma Sokwayama ngakuWe
Sebeza, Mhambi yhiza, ndakukusa ekhaya.

[V3]
Nkosi yethu enkulu, Salathele phezulu,
Ukuthandaza kwethu; Azi amagam’ ethu
Akho-na ezulwini? Izwi liya phendula,
“Mhambi, yiza, yiza bo, Ndakukusa ekhaya.”

53. Moya Oyingcwele, Mkhokeli

Link copied to clipboard successfully!