Hymn 44

U-Msindisi Wam Kuqala

Verse 1
Xa umsebednzi wam use uphelile apha,
Nalo mzimba wambeswe ukungafi
Ndakumazi u-Msindisi wam ngaphesheya,
Uya kuba nemihlali lngam yena.
Chorus
Ndakuma………zi, ndakumazi, Ndiya kuma kufuphi naYe
Ndakuma………zi, ndakumazi, Ngamanxeb’ ezandleni zaKhe.
Verse 2
Uvuyo lwentliziyo xa ndimbona ubuso; Neliso laKhe linobubele kum;
Intliziyo yam iyakumbonga ngolo thando Olundilungiselele ikhaya.
Chorus
Ndakuma………zi, ndakumazi, Ndiya kuma kufuphi naYe
Ndakuma………zi, ndakumazi, Ngamanxeb’ ezandleni zaKhe.
Verse 3
Au! Ndakukhumbula ngabakade betshonile, Nako ukugqibelisana kwethu;
Khona e-Edeni asisoze sahlukane, Kodwa ndinqwenela uMsindisi wam.
Chorus
Ndakuma………zi, ndakumazi, Ndiya kuma kufuphi naYe
Ndakuma………zi, ndakumazi, Ngamanxeb’ ezandleni zaKhe.
Verse 4
Ndakungena emzin’ ngezimhlophe ingubo, Ndiyokuba lapho kungakhalwayo
Ndakuhlabela ingoma yabasindis’ weyo, Ukuze ndimbone uMsindisi wam.
Chorus
Ndakuma………zi, ndakumazi, Ndiya kuma kufuphi naYe
Ndakuma………zi, ndakumazi, Ngamanxeb’ ezandleni zaKhe.

Text from U-Krestu Engomeni · © respective copyright holders · shared for worship use

Link copied to clipboard successfully!