Hymn 37
Kufuphi Nawe Thixo
Verse 1
Kufuphi Thixo wam, fuphi kuwe, Naxa ndiwuthwele umnqamlezo,
Ingoma yam yona yoba yile apha Kufuphi Thixo wam, fuphi kuwe.
Ingoma yam yona yoba yile apha Kufuphi Thixo wam, fuphi kuwe.
Verse 2
Nokuba mna ndinje ngay’ umhambi, Noba umqamelo wam lilitye
Kodw’ amaphupha am, wona aza kuthi, Kufuphi Thixo wam, fuphi kuWe
Kodw’ amaphupha am, wona aza kuthi, Kufuphi Thixo wam, fuphi kuWe
Verse 3
Mayikhany’ indlela yohambo lwam, Konke ondiphayo kokwenceba;
Ingelosi zonke ke ziya ndikhoba, Kufuphi Thixo wam, fuphi kuWe.
Ingelosi zonke ke ziya ndikhoba, Kufuphi Thixo wam, fuphi kuWe.
Verse 4
Zothi inkumbulo xa zivuka, ziphum’ entlungwini, ndikubonge.
Ngoko ngentsizi zam sendiyakuthi mna, Kufuphi Thixo wam, fuphi kuWe
Ngoko ngentsizi zam sendiyakuthi mna, Kufuphi Thixo wam, fuphi kuWe
Verse 5
Xa sendibhabhela ezulwini, Ndidlule ilanga kwanenyanga
Ingoma yam yona yoba yile kunje, Kufuphi Thixo wam, fuphi kuwe.
Ingoma yam yona yoba yile kunje, Kufuphi Thixo wam, fuphi kuwe.
Text from U-Krestu Engomeni · © respective copyright holders · shared for worship use
Swipe left or right for the next or previous hymn