Hymn 350
Yizani Ke, Boni, Yizani Kwa Nonke
Verse 1
Yizani ke, Boni, yizani kwa nonke,
Isidlo sofefe sisi silungile;
Musani kundweba, Kumenywa kwa bonke;
Yizani kaloku, nisidle, niphile.
Isidlo sofefe sisi silungile;
Musani kundweba, Kumenywa kwa bonke;
Yizani kaloku, nisidle, niphile.
Verse 2
Sithunywa yi-Nkosi kwa sezweni lonke;
Kumenywa izizwe, akukh' owalelwe.
Madoda, Bafazi, Bantwana, kwa nonke,
Yivani ilizwi, ningeza namkelwe.
Kumenywa izizwe, akukh' owalelwe.
Madoda, Bafazi, Bantwana, kwa nonke,
Yivani ilizwi, ningeza namkelwe.
Verse 3
Yizani, baphulwa bunzima betyala;
Yizani niphumle, badungudelayo;
Mahlwempu, Milwelwe, Zimfama, Ziqhwala;
Yizani, nobukwa nguYesu 'wafayo.
Yizani niphumle, badungudelayo;
Mahlwempu, Milwelwe, Zimfama, Ziqhwala;
Yizani, nobukwa nguYesu 'wafayo.
Verse 4
Bonani ufefe luvel' e-Nkosini;
Alwaba lungene lweyisa inkani!
Kuvulwe indlela esing' ezulwini;
Yizani ningene, yavulwa kwa ngani.
Alwaba lungene lweyisa inkani!
Kuvulwe indlela esing' ezulwini;
Yizani ningene, yavulwa kwa ngani.
Verse 5
Namhla-nje! Namhla-nje! M'angabi sanqena
Okade umemo lwe-Nkosi eloona;
Afune izulu,azuz' ukungena,
Ahlale kwa ngonaphakade ekhona.
Okade umemo lwe-Nkosi eloona;
Afune izulu,azuz' ukungena,
Ahlale kwa ngonaphakade ekhona.
Text from U-Krestu Engomeni · © respective copyright holders · shared for worship use
Swipe left or right for the next or previous hymn