Hymn 316

U-Yehovah Kukukhanya Kwam

Verse 1
U-Yehova kuko ukukhanya kwam; Ekho-nje ndingaba ndoyika-ni?
Ulusindiso lwam elusizini; Ngu-Moya oza kum nelithamsanqa.
Chorus
U-Yehova nguye ingoma yam; Endikhokela ngamaxa onke.

Verse 2
U-Yehova kuko ukukhanya kwam; Ngokholo ndizuz' ukomelela;
Ndibon'u-Yes'elaula ngozuko, Ndingathin'ukuhlala emnyameni?
Chorus
U-Yehova nguye ingoma yam; Endikhokela ngamaxa onke.
U-Yehova nguye ingoma yam; Endikhokela ngamaxa onke.
Verse 3
U-Yehova kuko ukukhanya kwam; Undinik' amandla okoyisa;
Lowo ngumsebenzi wenceba yakhe, Ndihamba ngokholo Yen'undigcina.
Chorus
U-Yehova nguye ingoma yam; Endikhokela ngamaxa onke.
U-Yehova nguye ingoma yam; Endikhokela ngamaxa onke.
Verse 4
U-Yehova kuko ukukhanya kwam; Phambi kwakhe akukho bumnyama;
Ungu-Mkhululi wam, u-Kumkani wam; Ndimdumisa nabangcwele ne-ngelos'.
Chorus
U-Yehova nguye ingoma yam; Endikhokela ngamaxa onke.
U-Yehova nguye ingoma yam; Endikhokela ngamaxa onke.

Text from U-Krestu Engomeni · © respective copyright holders · shared for worship use

Link copied to clipboard successfully!