Hymn 29
Hlala Nam
Verse 1
Hala nam kuyeza ukuhlwa; Sekuyahlwa uze uhlale nam;
Apho abanye sebesoyiswa, wena ungoyiswayo, hlala nam.
Apho abanye sebesoyiswa, wena ungoyiswayo, hlala nam.
Verse 2
Kuyakhawuleza okukufa kwam, Ubuhle obomhlaba buphina?
Izinto zonke zithabalala, Wen’ ongaguqukiyo hlala nam.
Izinto zonke zithabalala, Wen’ ongaguqukiyo hlala nam.
Verse 3
Ndiyakucela yiz’ uhlale nam; Ungekho, zondoyis’ izilingo;
Ungezi, Nkosi, njengodlulayo, Kodwa, Nkosi yam nced’ uhlale.
Ungezi, Nkosi, njengodlulayo, Kodwa, Nkosi yam nced’ uhlale.
Verse 4
Kufunek’ usolok’ uhleli nam, Umlingi uyoyiswa lufefe;
Ngubani ongaz’ abe njengawe? Ngamazolo onke solok’ unam.
Ngubani ongaz’ abe njengawe? Ngamazolo onke solok’ unam.
Verse 5
Andoyiki xa ndihleli nawe, Inyemvezi azinaburara
Kufa nencwaba ningenzani kum? Ndinoloyiso xa uhleli nam.
Kufa nencwaba ningenzani kum? Ndinoloyiso xa uhleli nam.
Text from U-Krestu Engomeni · © respective copyright holders · shared for worship use
Swipe left or right for the next or previous hymn