Hymn 288
Into Yokupha U-Yesu
Verse 1
Beza Nezipho KuYe
Beza nezipho kuYe, Babek' ezinyawen';
Uthando kuMsindisi Wabenza ke bamphe;
Ngesisa nangamazwi, Nokuzis' abanye,
Konke uyakubala, Kube kuhle kuYe.
Beza nezipho kuYe, Babek' ezinyawen';
Uthando kuMsindisi Wabenza ke bamphe;
Ngesisa nangamazwi, Nokuzis' abanye,
Konke uyakubala, Kube kuhle kuYe.
Chorus
Uzisile ku-Yesu Isipho esihle,
Wathi, "Nants' intliziyo," Wabek' enyaweni.
Wathi, "Nants' intliziyo," Wabek' enyaweni.
Verse 2
Kwakukho ke umhambi Owayemi mgama,
Wazibona izipho, Zabalwa zabantle;
Wayefuna kakhulu Ukuza nesipho,
Kodwa wema kufuphi Engenayo nento.
Wazibona izipho, Zabalwa zabantle;
Wayefuna kakhulu Ukuza nesipho,
Kodwa wema kufuphi Engenayo nento.
Chorus
Uzisile ku-Yesu Isipho esihle,
Wathi, "Nants' intliziyo," Wabek' enyaweni.
Wathi, "Nants' intliziyo," Wabek' enyaweni.
Verse 3
Wakhala wathi, "Nkosi, ndiyaz' unenceba,
Thabatha konke okwam, Nentliziyo embi."
U-Yesu waphendula Wathi: "Sipho sakho
Sihle kunazo zonke, Ezaziswayo kum."
Thabatha konke okwam, Nentliziyo embi."
U-Yesu waphendula Wathi: "Sipho sakho
Sihle kunazo zonke, Ezaziswayo kum."
Chorus
Uzisile ku-Yesu Isipho esihle,
Wathi, "Nants' intliziyo," Wabek' enyaweni.
Wathi, "Nants' intliziyo," Wabek' enyaweni.
Text from U-Krestu Engomeni · © respective copyright holders · shared for worship use
Swipe left or right for the next or previous hymn