Hymn 269

UMsindisi Ongumangaliso

Verse 1
NdinoMsindisi uYesu iNkosi, Yena unguMangaliso
Ufihl’ umphefumlo wam kwelo Liwa, Apho ndowaba kakhulu.
Chorus
Undigcina ndiphantsi kwelo Liwa, Lisith’ izwe lembalela;
Ufihl’ ubomi bam Ngothando lwaKhe Ndigcinwe sisandla saKhe
Ndigcinwe sisandla saKhe.
Verse 2
NdinoMsindisi uYesu iNkosi, Ususa imithwalo yam;
Undibamba ndingashukunyiswa nto, Ndomelezwa yonk’ imihla.
Chorus
Undigcina ndiphantsi kwelo Liwa, Lisith’ izwe lembalela;
Ufihl’ ubomi bam Ngothando lwaKhe Ndigcinwe sisandla saKhe
Ndigcinwe sisandla saKhe.
Verse 3
Lonk’ ixesha undiph’ intsikelelo, Ndizaliswe ngobungcwele;
Ngovuyo ndihlabel’ ingom’ emnandi, “Udumo ngoMkhululi wam.”
Chorus
Undigcina ndiphantsi kwelo Liwa, Lisith’ izwe lembalela;
Ufihl’ ubomi bam Ngothando lwaKhe Ndigcinwe sisandla saKhe
Ndigcinwe sisandla saKhe.
Verse 4
Xa ndambathiswe ngokukhanya kwaKhe, Ndimhlangabeza efini,
Ndovum’ ingoma ngosindiso lwaKhe, Nangothando olukhulu.
Chorus
Undigcina ndiphantsi kwelo Liwa, Lisith’ izwe lembalela;
Ufihl’ ubomi bam Ngothando lwaKhe Ndigcinwe sisandla saKhe
Ndigcinwe sisandla saKhe.

Text from U-Krestu Engomeni · © respective copyright holders · shared for worship use

Link copied to clipboard successfully!