Hymn 238
Ngobani Abo?
Verse 1
Ngoban’ abadlula kulo maza, Phesheya kwamangcwaba bathi thu?
Bath’ uYes’ unamandla, Behlanjiwe yiMvana.
Bath’ uYes’ unamandla, Behlanjiwe yiMvana.
Chorus
Bangena phakath’ eJerusalem entsha, Behlanjiwe yiMvana
Verse 2
Ngabo abo ebutsheni babo, Banobulumko bakheth’ uYesu;
Bazuz’ inceba yaKhe, Behlanjiwe yiMvana
Bazuz’ inceba yaKhe, Behlanjiwe yiMvana
Chorus
Bangena phakath’ eJerusalem entsha, Behlanjiwe yiMvana
Verse 3
Abo batghi ngexa lobunzima Bazuza ukuphumla kuYesu;
Noxolo lukaYesu, Behlanjiwe yiMvana
Noxolo lukaYesu, Behlanjiwe yiMvana
Chorus
Bangena phakath’ eJerusalem entsha, Behlanjiwe yiMvana
Verse 4
Abo ngabaphatheka kakubi, Bema emlilweni obuhlungu,
U-Yes’ uthi, “Nyukani! Nihlanjiwe yiMvana.”
U-Yes’ uthi, “Nyukani! Nihlanjiwe yiMvana.”
Chorus
Bangena phakath’ eJerusalem entsha, Behlanjiwe yiMvana
Verse 5
Basithele kunxweme loxolo, Akukho kufa, ntlungu nasono;
Bovuya naphakade, Behlanjiwe yiMvana
Bovuya naphakade, Behlanjiwe yiMvana
Chorus
Bangena phakath’ eJerusalem entsha, Behlanjiwe yiMvana
Text from U-Krestu Engomeni · © respective copyright holders · shared for worship use
Swipe left or right for the next or previous hymn