Hymn 225
Yima Ngesibindi
Verse 1
O, Vuka Mkristu! Utsho umyalelo; Qubu’ ikhaka Nekrele kamsinya
Nalo utshaba, Hamba ungoyiki; Njengekhalipha, Jongana notshaba

Chorus
Yima, Yima njengekroti, Ngesibindi, Jongana notshaba.
Verse 2
Ingoz’ inkulu, Lumka hlakanipha; Mus’ ukuhlehla, Utshaba lulula
Ukuz’ uloyise lonke utshaba, Njengekhalipha Jongana notshaba.
Ukuz’ uloyise lonke utshaba, Njengekhalipha Jongana notshaba.
Chorus
Yima, Yima njengekroti, Ngesibindi, Jongana notshaba.
Verse 3
Khusel’ indaba yeNkosi ngamandla; Ngesibindi, yilwa ude woyise;
Ngobukroti yiyaph’usiwa khona; Njengekhalipha, Jongana notshaba
Ngobukroti yiyaph’usiwa khona; Njengekhalipha, Jongana notshaba
Chorus
Yima, Yima njengekroti, Ngesibindi, Jongana notshaba.
Verse 4
Phambili iNkosi yakho ikhona; NguMthuthuzeli, Uyakonwabisa
Lunjengomlambo uthando lweNkosi. Ke, ngesibindi, Jongana notshaba
Lunjengomlambo uthando lweNkosi. Ke, ngesibindi, Jongana notshaba
Chorus
Yima, Yima njengekroti, Ngesibindi, Jongana notshaba.
Text from U-Krestu Engomeni · © respective copyright holders · shared for worship use
Swipe left or right for the next or previous hymn