Hymn 201

Wandikhupha Emgxobhozweni

Verse 1
Ndabon’ uYehova Ndanoloyika Ngesono esasindoyelisela;
Ndakhala kuYe ndisemgxobhozweni, Ngesisa wandibeka ngaphezulu
Chorus
Wandikhupha emgxobhozweni Wandibek’endawen’ ebanzi
Wafak’ ingoma phakathi kwam, ndiyavuma “Haleluya!”
Verse 2
Ndibekwe kwiLiwa Elikufuphi Ukuze ndiqine ndihlale khona,
Akukho kuwa xa Ndihleli apha, Ngofefe ndofuman isitsaba.
Chorus
Wandikhupha emgxobhozweni Wandibek’endawen’ ebanzi
Wafak’ ingoma phakathi kwam, ndiyavuma “Haleluya!”
Verse 3
Wandiph’ ingom’ entsha yokudumisa; Ubusuku nemini ndotsholoza
Intliziyo iphalala luvuyo, Ndiyakumdumisa uMsindisi wam.
Chorus
Wandikhupha emgxobhozweni Wandibek’endawen’ ebanzi
Wafak’ ingoma phakathi kwam, ndiyavuma “Haleluya!”
Verse 4
Ndovuma ingoma Ngenceba yaKhe, Ndimdumise bambone bonk’abantu
Ndosasaza usindiso Nakude Bade bamthembe bamkhonz’ uYehova.
Chorus
Wandikhupha emgxobhozweni Wandibek’endawen’ ebanzi
Wafak’ ingoma phakathi kwam, ndiyavuma “Haleluya!”

Text from U-Krestu Engomeni · © respective copyright holders · shared for worship use

Link copied to clipboard successfully!