Hymn 175
Msindisi, NjengoMalusi
Verse 1
Sikhokele njengo-Malus’; Sinqwena njalo, Nkosi;
Salusele kwelo dlelo, Sakhele ubuhlanti;
Yesu wethu, Yesu wethu, Wasithenga kwaphela
Yesu wethu, Yesu wethu, Wasithenga kwaphela.

Verse 2
Singabakho Mhlobo wethu, Sigcine endleleni;
Sikhusele esonweni; Sifune sakunxaxha;
Yesu wethu, Yesu wethu, Sive sakuthandaza
Yesu wethu, Yesu wethu, Sive sakuthandaza.

Verse 3
Wena uthe wosamkela Noxa sizintsizana
Unenceba nobabalo, Sihlambe ngamandl’ akho;
Yesu wethu, Yesu wethu, Sive sakuthandaza
Yesu wethu, Yesu wethu, Sive sakuthandaza
Unenceba nobabalo, Sihlambe ngamandl’ akho;
Yesu wethu, Yesu wethu, Sive sakuthandaza
Yesu wethu, Yesu wethu, Sive sakuthandaza
Text from U-Krestu Engomeni · © respective copyright holders · shared for worship use
Swipe left or right for the next or previous hymn