Hymn 172
Koda Kube Nini?
Verse 1
Koda kube nini, Nkos’, Ubekele kude?
Sikhulelwa kudinwa Kuba ulibele.
O, koda kube nini Olothi uzuko
Olokukhanya kwakho Lube phezu kwethu?
Sikhulelwa kudinwa Kuba ulibele.
O, koda kube nini Olothi uzuko
Olokukhanya kwakho Lube phezu kwethu?
Verse 2
Koda kube nini, Nkos’, Umkile kwabakho?
Kukade ulibele, Bambalwa kakhulu
Abakholwayo kuWe, Bemi belindele,
Bekuvuyela bona Ukufika kwaKho.
Kukade ulibele, Bambalwa kakhulu
Abakholwayo kuWe, Bemi belindele,
Bekuvuyela bona Ukufika kwaKho.
Verse 3
O, vus’ abantu baKho; Hlabela ngamandla;
Batsh’ abangcwele bathi, - “I-Nkos’ ikufuphi!”
Mazivuth’ izibane, Sibhinqe kakuhle
Bonke bethakazela Ukubona Wena.
Batsh’ abangcwele bathi, - “I-Nkos’ ikufuphi!”
Mazivuth’ izibane, Sibhinqe kakuhle
Bonke bethakazela Ukubona Wena.
Text from U-Krestu Engomeni · © respective copyright holders · shared for worship use
Swipe left or right for the next or previous hymn