Hymn 148
Naphina No-Yesu
Verse 1
Naphina ndinokuya ndino-Yesu, Angandisa naphina kweli lizwe;
Ngaphandle kwakhe akukho luvuyo, Naphina ndino-Yesu andoyiki.

Chorus
Naphina, naphina, andoyiki nto; Naphina ndino-Yesu ndinokuya.
Verse 2
Naphina ndino-Yesu andindedwa, Zingemk’ izihlobo yena usenam;
Nakuba ekhokela ko-zintlango, Naphina ndino-Yesu yindumiso.
Nakuba ekhokela ko-zintlango, Naphina ndino-Yesu yindumiso.
Chorus
Naphina, naphina, andoyiki nto; Naphina ndino-Yesu ndinokuya.
Verse 3
Naphina ndino-Yesu ndingalala, nakuba ukufa kuya sondela,
Ndiyazi ndovuka ngonaphakade, Naphina ndino-Yesu likhaya lam.
Ndiyazi ndovuka ngonaphakade, Naphina ndino-Yesu likhaya lam.
Chorus
Naphina, naphina, andoyiki nto; Naphina ndino-Yesu ndinokuya.
Text from U-Krestu Engomeni · © respective copyright holders · shared for worship use
Swipe left or right for the next or previous hymn