Hymn 135

Ndikuthanda Ngakumbi

Verse 1
Ndikuthanda ngakumbi, Nkos’, Nakumgcobo wonke;
Kuba undfinik’ uxolo Olunge bulawe.
Chorus
Akukaxelwa qingatha [qingatha], Ngothand’ olunjalo;
Alikaxelwa qingatha, [qingatha], Lindihlamb’ igazi
Verse 2
Ndiyaz’ usondele wena Kunomhlaba wonke
Kumnand’ ukucinga ngawe Kunengoma zonke
Chorus
Akukaxelwa qingatha [qingatha], Ngothand’ olunjalo;
Alikaxelwa qingatha, [qingatha], Lindihlamb’ igazi
Verse 3
Uvuyis’ intliziyo yam; Ndogcoba ke ngoko;
Ngaphandle kothando lwakho Ndise lusizini.
Chorus
Akukaxelwa qingatha [qingatha], Ngothand’ olunjalo;
Alikaxelwa qingatha, [qingatha], Lindihlamb’ igazi
Verse 4
Msindisi onexabiso! Xa wena ukhoyo
Luz’ ugcobo longamele Sihamba sinawe.
Chorus
Akukaxelwa qingatha [qingatha], Ngothand’ olunjalo;
Alikaxelwa qingatha, [qingatha], Lindihlamb’ igazi

Text from U-Krestu Engomeni · © respective copyright holders · shared for worship use

Link copied to clipboard successfully!